Eyeziqalo 27:16-28 Ibhayibhile (XHO96)

16. Wamgquma izandla ngofele lwebhokhwe, wamthandela nasentanyeni.

17. Wamnika oko kutya kunencasa kunye nesonka awayesibhakile.

18. UYakobi wafika kuyise, wathi: “Tata!”Usabele wathi uyise: “Thetha; ungubani, mfo wam?”

19. Uthe uYakobi: “NdinguEsawu, unyana omkhulu. Ndiyenzile into obundithume yona. Nantsi inyama. Vuka utye, uze undisikelele.”

20. Uthe uIsake: “Wakhawuleza kangaka ukufumana inyamakazi? Wenze njani, mfo wam?”Uphendule wathi uYakobi: “Ndincedwe *nguNdikhoyo uThixo wakho, wayizisa ngqo kum.”

21. Uthe ke uIsake kuYakobi: “Khawusondele ke, mfo wam, ndikuve ngesandla ukuba unguye na unyana wam uEsawu.”

22. UYakobi ke wasondela kuyise owamphampathayo ngezandla esithi: “Ilizwi lona lelikaYakobi, kodwa izandla zezikaEsawu.”

23. Akazange amqonde uYakobi, kuba kaloku izandla zazixhonti njengezikaEsawu. Uthe seleza kumsikelela,

24. wabuya wabuza wathi: “Ngaba ngenene ungunyana wam uEsawu?”Waphendula uYakobi esithi: “Ndinguye.”

25. Uthe ke uIsake: “Zis' apha ke inyama leyo ndikhe nditye, mfo wam. Ndakuthi ke ndakugqiba ukutya, ndikusikelele.” Wamnika ke uYakobi, wamphathela newayini yokuthoba.

26. Uthe ke uyise: “Khawusondele kaloku undange, mfo wam.”

27. Esasondela ukuya kumanga uIsake, waliva ivumba leempahla ezazinxitywe nguYakobi, watyibela ngentsikelelo esithi:“Ngxatsho ke ivumba lonyana wam!Linjengevumba lomhlaba ogalelwe iintsikelelelo nguNdikhoyo.

28. Wanga ke uThixo angakugalela ngombethe,nomhlaba wakho uchume ube linqatha,uvelise nentabalala yengqolowa newayini.

Eyeziqalo 27