15. URabheka wakhupha ezona zintle iimpahla zikaEsawu awayezigcinile, wazinxiba uYakobi.
16. Wamgquma izandla ngofele lwebhokhwe, wamthandela nasentanyeni.
17. Wamnika oko kutya kunencasa kunye nesonka awayesibhakile.
18. UYakobi wafika kuyise, wathi: “Tata!”Usabele wathi uyise: “Thetha; ungubani, mfo wam?”
19. Uthe uYakobi: “NdinguEsawu, unyana omkhulu. Ndiyenzile into obundithume yona. Nantsi inyama. Vuka utye, uze undisikelele.”