9. Wangcwatyelwa kulaa mqolomba useMakapela ngoonyana bakhe uIsake noIshmayeli. Wawungasempumalanga yeMamre entsimini awayeyifumene kuEfron unyana kaZoware umHeti.
10. Yilaa ntsimi uAbraham wayeyithenge kumaHeti. Wangcwatyelwa apho ke kuloo ndawo wayengcwatywe kuyo uSara umkakhe.
11. Akubhubha uAbraham, uThixo wamthamsanqelisa uIsake unyana wakhe owayemi ngasemthonjeni kaPhila-endibonile.
14. uMishma, noDuma, noMasa;
15. uHadadi, noTema; uJeture, noNafishe, noKedama.
16. Ngoonyana bakaIshmayeli ke abo, izizwana ezilishumi linambini. Iilali zabo nezikhululo zabo zathiywa ngamagama abo.
17. UIshmayeli wabhubha enekhulu linamashumi mathathu anesixhenxe ubudala.