1. UAbraham wathatha omnye umfazi ogama linguKetura.
2. UKetura wazala uZimran noYokeshan, uMedan noMidiyan, uIshbhaki noShuwa.
3. UYokeshan wazala uShebha noDedan. Ama-Ashuri la yinzala kaDedan, kunye namaLetushi namaLewumi.
4. Oonyana bakaMidiyan nguHefa noEfere, noHanoki, uAbhida noElda. Ngabazukulwana bakaKetura bebonke ke abo.
5. UAbraham walishiya kuIsake lonke ilifa lakhe.
6. Kodwa ke ngaphambi kokuba abhubhe wabaphawulela noonyana bezindlu ezincinci. Emva koko wabandulula baya kuma kwimihlaba engasempumalanga.
12-13. Naba oonyana bakaIshmayeli unyana ka-Abraham owazalwa nguHagare umJiputakazi owayesisicakakazi sikaSara. Badweliswe ngokuvela kwabo. NguNebhayoti, noKedare, noAdebhele; uMibhesam,