1. USara uhleli wade wanekhulu elinamashumi amabini anesixhenxe ubudala.
2. Ubhubhele eKiriyati-arbha, ekuthiwa yiHebron, kwelaseKanana. Waba buhlungu uAbraham, wamzilela umkakhe.
3. UAbraham wesuka apho wafela khona umkakhe, waya kumaHeti. Ufike wathi kubemi balapho:
4. “Ndingumfiki nomhambi apha; ndinikeni indawo apho ndingamngcwabela khona umkam.”
5. Athe ukuphendula uAbraham amaHeti:
6. “Phulaphula, mhlekazi, kuthi uyinkosi. Siyakukhululela; ungamngcwaba umfikazi kweyona ndawo uyithandayo.”
17-18. Wawufumana ngolo hlobo ke uAbraham umhlaba kaEfron owawuseMakapela ngasempumalanga yeMamre. Yayiyintsimi, umqolomba, kunye nemithi eyayikho. Yangqinwa loo nto ngawo onke amaHeti awayekuloo mbizo.