3. Kodwa uThixo wavela kuAbhimeleki ephupheni, wathi: “Abhimeleki, usisisulu sokufa, ngenxa yokuba lo mfazi umthathileyo ngumka-mtu.”
4. UAbhimeleki ke wayengekamambathi uSara, waza wathi: “Mhlekazi, ungathini ukutshabalalisa isizwe esingenatyala?
5. Andibi kanene yilaa ndoda ngokwayo ethe kum ngudade wayo lo, waza naye wathi ingumnakwabo? Le nto ndiyenze ndingenasazela, yaye andonanga bani.”
6. Uphendule uThixo kwasephupheni apho: “Ewe, ndiyazi ukuba le nto uyenze ungenabubi konke. Yaye ikwandim lo okuncedileyo ukuba ungandoni; yiyo loo nto ndingakuvumelanga ukumambatha.
7. Kodwa ke mbuyisele kumyeni wakhe ngoku lo mfazi. *Ngumshumayeli laa mfo; uya kunithandazela nisinde. Kodwa ukuba akumbuyiseli umkakhe, ngenene uya kuba lilifa lokufa kunye nabantu bakho bonke.”