Eyeziqalo 18:31-33 Ibhayibhile (XHO96)

31. “Ndinyamezele, Mhlekazi,” utshilo uAbraham. “Ukuba bangamashumi mabini kuphela, kothini?”“Nokuba bangamashumi mabini, ndosisindisa isixeko,” utshilo uNdikhoyo.

32. Wathi uAbraham: “Mhlekazi, selundinyamezela oku kokugqibela! Kuya kuthini ukuba lishumi linye kuphela abantu abamsulwa abalapho?”“Nokuba lishumi nje qha, andiyi kusitshabalalisa isixeko,” utshilo uNdikhoyo.

33. Wemka ke uNdikhoyo akugqiba ukuthetha noAbraham, naye uAbraham wagoduka.

Eyeziqalo 18