31. “Ndinyamezele, Mhlekazi,” utshilo uAbraham. “Ukuba bangamashumi mabini kuphela, kothini?”“Nokuba bangamashumi mabini, ndosisindisa isixeko,” utshilo uNdikhoyo.
32. Wathi uAbraham: “Mhlekazi, selundinyamezela oku kokugqibela! Kuya kuthini ukuba lishumi linye kuphela abantu abamsulwa abalapho?”“Nokuba lishumi nje qha, andiyi kusitshabalalisa isixeko,” utshilo uNdikhoyo.
33. Wemka ke uNdikhoyo akugqiba ukuthetha noAbraham, naye uAbraham wagoduka.