Eyeziqalo 18:11-22 Ibhayibhile (XHO96)

11. Bobabini, uAbraham noSara, babesebaluphele kakhulu, uSara selegqithile kwixabiso lokuzala.

12. Wahleka yedwa ke uSara, wathi: “Sendigqithile kwixabiso lokuzala, kanti nomyeni wam selaluphele.”

13. Uthe uNdikhoyo kuAbraham: “Uhleka ntoni uSara, ade athi: ‘Ndingamfumana njani umntwana sendaluphele nje?’

14. Niba kukho into enokuxaka uNdikhoyo? Bendithe ngeli xesha kunyaka ozayo ndobe ndibuye; uSara woba enomntwana oyinkwenkwe.”

15. USara wakhanyela, kuba wayesoyika, wathi: “Andikhange ndihleke.”Wathi yena: “Hayi, uhlekile.”

16. La madoda anduluka, ayivelela iSodom. UAbraham wayehamba nawo ewakhapha.

17. Uthe *uNdikhoyo: “Mandingayifihli kuAbraham into endifuna ukuyenza.

18. Inzala yakhe yoba sisizwe esikhulu, yaye ndozithamsanqelisa ngaye zonke izizwe.

19. Ndimtyumbele ukuze aqeqeshele abantwana bakhe kunye nabazukulwana bakhe ekundithobeleni nasebulungiseni. Xa besenjenjalo ndozizalisekisa izithembiso zam kuAbraham.”

20. Uqhube wathi kuAbraham uNdikhoyo: “Iyakhalazelwa iSodom neGomora ngenxa yobubi besono sayo.

21. Ngako oko ndiza kukhe ndihle ndiye kuzibonela ukuba kunjalo na. Ndobona ngoko ukuba akunjalo.”

22. Emka ke loo madoda, abheka ngaseSodom. Wasala noNdikhoyo yena uAbraham.

Eyeziqalo 18