11. Bobabini, uAbraham noSara, babesebaluphele kakhulu, uSara selegqithile kwixabiso lokuzala.
12. Wahleka yedwa ke uSara, wathi: “Sendigqithile kwixabiso lokuzala, kanti nomyeni wam selaluphele.”
13. Uthe uNdikhoyo kuAbraham: “Uhleka ntoni uSara, ade athi: ‘Ndingamfumana njani umntwana sendaluphele nje?’
14. Niba kukho into enokuxaka uNdikhoyo? Bendithe ngeli xesha kunyaka ozayo ndobe ndibuye; uSara woba enomntwana oyinkwenkwe.”
15. USara wakhanyela, kuba wayesoyika, wathi: “Andikhange ndihleke.”Wathi yena: “Hayi, uhlekile.”
16. La madoda anduluka, ayivelela iSodom. UAbraham wayehamba nawo ewakhapha.