Eyeziqalo 15:14-20 Ibhayibhile (XHO96)

14. Kodwa ndosohlwaya eso sizwe sibaphethe kakubi; baya kuthi xa bemkayo apho bahambe namaxhoba.

15. Wena ke kambe uza kuhlala udle ubomi ude ukhokhobe, amathambo akho afihlwe ngakookhokho bakho.

16. Inzala yakho yobuyela apha emva kwezizukulwana ezine. Kaloku andiyi kuwakhupha kwangoku ama-Amori, bude buzaliseke ubugwenxa bawo.”

17. Kuthe kwakurhatyela, kwathi gqi imbiza iqhuma, nesikhuni esivuthayo, zadlula phakathi kwaloo mkrozo wenyama.

18. Waza ke uNdikhoyo wathi kuAbram esenza umnqophiso: “Ndiyathembisa ukuba wonke lo mhlaba, ukususela kwimida yeJiputa kuye kuthi xhaxhe ngomlambo iEfrati, ndiza kuwunika inzala yakho,

19. ndawonye nomhlaba wamaKeni, amaKinazi, amaKadimon,

20. amaHeti, amaPerezi, namaRafa; ama-Amori, amaKanana, amaGirgashi, kunye namaJebhusi.”

Eyeziqalo 15