1. Emva koku uAbram waba nombono apho weva *uNdikhoyo esithi:“Uze ungoyiki, Abram,ndim oya kukukhusela;ikwandim oya kukubonelela kanobom.”
2. Uphendule wathi uAbram: “Mhlekazi Ndikhoyo, iya kundinceda ntoni loo nto? Yintoni ongandibonelela kuyo ndingenabantwana nje? Nàlo uza kuba yindlalifa yam nguElizere waseDamasko.”
3. Kwakhona uAbram uthe: “Akukho nzala undinike yona; ke sisicaka sam esiza kuba yindlalifa yam.”
4. Uthe ke uNdikhoyo ebhekisa kuAbram: “UElizere akayi kuba yindlalifa yakho. Ngunyana wakho nqo oya kuba yindlalifa yakho.”
5. UNdikhoyo wamkhuphela ngaphandle kwendlu uAbram, wathi: “Khangela esibhakabhakeni, uzibale iinkwenkwezi ezilapho, ukuba ungaba nako. Boba baninzi kangako abazukulwana bakho.”
6. UAbram walibeka kuNdikhoyo ithemba lakhe, waza ngenxa yoko wenziwa ilungisa.
7. Waqokela wathi kuye uNdikhoyo: “NdinguNdikhoyo owakukhupha kwilizwe lakowenu eUre yelamaKaledi, ukuze uze kuma kulo mhlaba, ube ngowakho.”
8. Ke yena uAbram wabuza wathi: “Mhlekazi Ndikhoyo, ndingaqonda njani ukuba lo mhlaba woba ngowam?”
9. Uthe uNdikhoyo: “Ndizisele ithokazi lenkomo, nemazi yebhokhwe, nenkunzi yegusha, zonke zibe minyaka mithathu, kunye nehobe nevukuthu.”
10. Weza nazo uAbram ezo zinto, wazahlula kubini, waza wazidwelisa, icala ngalinye lamelana nelinye. Iintaka zona akazange azahlule kubini.