1. Kwaqubisana emfazweni iikumkani ezine: uAmrafele waseBhabheli, uAriyoki wase-Elazare, uKedor-lahomere wase-Elam, kunye noTidali waseGoyi.
2. Yayilidabi neekumkani ezintlanu: uBhera waseSodom, uBhisha waseGomora, uShinabhi waseAdama, uShenebhere waseZebhoyim, nekumkani yaseBhela ekwakusithiwa yiZoware.
3. Zontlanu ezi kumkani zaqukanisa imikhosi yazo entilini yeSidim, ngoku eluLwandle oluFileyo.
4. Zaziphantsi koKedor-lahomere ishumi elinambini leminyaka. Zamvukela kodwa kulo weshumi elinantathu.
5. Kunyaka weshumi linane uKedor-lahomere namakholwane akhe badibanisa imikhosi yabo, bawachitha amaRafa eAshtaroti-karnayim, amaZuzi eHam, namaEma ethafeni laseKiriyatayim.
6. AmaHori bawadudula kwezo nduli zaseSeyire, bawasukela aya kutsho e-Elparan ngasentlango.
7. Babuyela eKadeshe, ekwakusithiwa yiEn-mishpati ngoko. Balihlutha lonke ilizwe lama-Amaleki nama-Amori awayemi eHazezon-tamare.