1. Ukuphuma kwakhe eJiputa uAbram wabheka ngasentla emazantsi aseKanana, ehamba nomkakhe, nemfuyo yakhe yonke, uAbram, eneegusha neebhokhwe kwakunye noLothe.
2. Wayefumile neenkomo, enayo nesiliva negolide.
3. Nalapho wemka, edlula kwiindawo ngeendawo, esingise eBhetele.
4. Wafika kulaa ndawo wakha wagxumeka kuyo iintente kuqala, leya iphahlwe yiBhetele neAyi, apho wayenzele khona uThixo iqonga, wanqula khona *uNdikhoyo.
5. ULothe naye wayeneegusha neebhokhwe neenkomo, nentsapho nezicaka zakhe.
6. Ngoko ke amadlelo akazange ayanele impahla yabo eninzi, nomhlaba wokuhlala awabanela.
7. Kwabakho ingxwaba-ngxwaba phakathi kwamadoda alusa impahla ka-Abram namadoda alusa ekaLothe. AmaKanana namaPerezi ayesahlala kwelo zwe.
8. UAbram wathi kuLothe: âSiyazalana, mfondini; masingabhidani, namadoda ethu makangalwi.