Eyeziqalo 12:7-20 Ibhayibhile (XHO96)

7. UNdikhoyo wabonakala kuAbram, wathi: “Nali ke ilizwe eliya kumiwa yinzala yakho.” UAbram ke wenza iqonga apho, wanqula uNdikhoyo owabonakala kuye.

8. Ukusuka apho wabheka ngasemazantsi kweleentaba kwicala langasempuma yesixeko saseBhetele. Wazigxumeka apho iintente, ephahlwe yiBhetele ngasentshona neAyi ngasempumalanga. Nalapho wenza iqonga, wanqula uNdikhoyo.

9. Wanduluka nalapho, egqitha kwiindawo ngeendawo, ejonge emazantsi eKanana.

10. Kwakukho indlala eKanana. Yayinkulu kangangokuba uAbram wehla waya eJiputa, wakha wahlala apho ixeshana.

11. Akufika emideni, wathi kumkakhe uSarayi: “Ndiyazi ukuba umhle gqitha,

12. yaye akukubona amaJiputa, aza kuthi ungumkam, aze andibulale mna, akushiye wena.

13. Uze uthi ke ungudade wethu. Aya kundiphatha kakuhle ke ngenxa yakho, angandibulali.”

14. Akugqitha emideni engena eJiputa, amaJiputa akhangwa bubuhle bomka-Abram.

15. Amaphakathi kakumkani athi nawo akumbona abuncoma ubuhle bakhe kukumkani. Wathathwa ke, waya kuhlala ebhotwe kwakumkani.

16. Ukumkani wamphatha kakuhle uAbram ngenxa yomkakhe, wamphawulela imihlambi yeegusha neebhokhwe, iinkomo needonki, izicaka neenkamela.

17. Kodwa ngenxa yokuthathwa kukaSarayi ngukumkani, uNdikhoyo wathumela izibetho zezifo kukumkani nakubantu bonke bakomkhulu.

18. Waza ke ukumkani wabiza uAbram, wathi: “Yintoni le nto undenze yona? Kutheni ungandixelelanga nje ukuba ngumkakho lo?

19. Kutheni usithi ngudade wenu nje, undiyeke ndimenze umkam? Nanko ke umkakho; mthathe umke naye.”

20. Ukumkani wayalela amadoda ukuba uAbram makakhutshelwe ngaphandle kwemida yelo zwe, emke nomkakhe, nayo yonke impahla yakhe.

Eyeziqalo 12