Eyeziqalo 12:17-20 Ibhayibhile (XHO96)

17. Kodwa ngenxa yokuthathwa kukaSarayi ngukumkani, uNdikhoyo wathumela izibetho zezifo kukumkani nakubantu bonke bakomkhulu.

18. Waza ke ukumkani wabiza uAbram, wathi: “Yintoni le nto undenze yona? Kutheni ungandixelelanga nje ukuba ngumkakho lo?

19. Kutheni usithi ngudade wenu nje, undiyeke ndimenze umkam? Nanko ke umkakho; mthathe umke naye.”

20. Ukumkani wayalela amadoda ukuba uAbram makakhutshelwe ngaphandle kwemida yelo zwe, emke nomkakhe, nayo yonke impahla yakhe.

Eyeziqalo 12