Eyemfuduko 9:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Yiya kukumkani waseJiputa, uthi kuye: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthethe wenjenje: “Khulula abantu bam, baye kundikhonza.”

2. Ukuba uyala ukubakhulula,

3. uNdikhoyo uya kukohlwaya ngokuthumela isibetho esoyikekayo kwimfuyo yakho: amahashe, iidonki, iinkamela, iinkomo, iigusha, neebhokhwe.

4. Uya kuyikhetha imfuyo yamaSirayeli kweyamaJiputa. EyamaSirayeli imfuyo soze ife.

5. Le nto ke iya kwenzeka ngomso.’ ”

6. Ngengomso ke uNdikhoyo wenza njengoko wayethethile. Yonke imfuyo yamaJiputa yafa, kodwa kweyamaSirayeli zange kufe nob' ibe nye.

Eyemfuduko 9