1. *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Yiya kukumkani waseJiputa, uthi kuye: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthethe wenjenje: “Khulula abantu bam, baye kundikhonza.”
2. Ukuba uyala ukubakhulula,
3. uNdikhoyo uya kukohlwaya ngokuthumela isibetho esoyikekayo kwimfuyo yakho: amahashe, iidonki, iinkamela, iinkomo, iigusha, neebhokhwe.
4. Uya kuyikhetha imfuyo yamaSirayeli kweyamaJiputa. EyamaSirayeli imfuyo soze ife.
5. Le nto ke iya kwenzeka ngomso.’ ”