11. Amasele aya kumka kuwe nasezindlwini zakho, kumaphakathi nakubantu bakho, asale emlanjeni iNayile kuphela.”
12. UMosis noAron bamshiya ke ukumkani. UMosis wambongoza uNdikhoyo ngokubhekisele kumasele awayenyakazela kwakumkani.
13. Naye uNdikhoyo wenza ngokwesicelo sikaMosis; aza ke amasele afa ezindlwini, ezinkundleni, nasemasimini.
14. Aqokelelwa ke, aba ziinqumba; yeka ke iphunga!
15. Njengoko wayetshilo uNdikhoyo, ukumkani uthe akubona ukuba kukho isiqabu, waqal' emva ukuqaqadeka, akavuma ukubaphulaphula ooMosis noAron.
16. *UNdikhoyo wathi kuMosis: “Yitsho kuAron avuse uthuli ngenduku yakhe, ukuze kuvele iimbuzane kulo lonke elaseJiputa.”
17. UAron ke waphakamisa induku yakhe, wabetha ngayo emhlabeni, kwaza kwavela iimbuzane, zabahlasela abantu kunye nezilwanyana. Kulo lonke elaseJiputa kwaphithizela iimbuzane.