Eyemfuduko 7:11-15 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kuthe ke kwakuba nje, ukumkani wabiza oosiyazi namaqili elaseJiputa, nabo bazijika ezabo iinduku ngemilingo yabo.

12. Ewe, baziphosa phantsi, yayileyo yajika yaba yinyoka; koko ke yona eka-Aron yasuka yaziginya zonke.

13. Kodwa ke ukumkani wenza njengoko wayetshilo uNdikhoyo, intliziyo yakhe yaqaqadeka, akabaphulaphula.

14. Ke kaloku *uNdikhoyo wathi kuMosis: “Ukumkani uneenkani; akavumi ukubakhulula abantu bam.

15. Ngoko ke, phumani kusasa xa aya emlanjeni, niyokumlindela elunxwemeni lomlambo, niphethe laa nduku yayijike yaba yinyoka.

Eyemfuduko 7