22. Oonyana bakaUziyeli nguMishayeli, noElifazan, noSitri.
23. UAron wathatha uElishebha intombi ka-Aminadabhi, udade boNashon, owazala uNadabhi, noAbhihu, noElazare.
24. Oonyana bakaKora nguAsire, noElikana, noAbhiyasafu. Ezo ke zizindlu zakwaKora.
25. UElazare unyana ka-Aron wathatha enye yeentombi zikaPutiyeli eyazala uFineyasi. Ezi ke ziintloko zezindlu zakwaLevi.
26. Ngulaa Aron ke lo wathi benoMosis bathunywa nguNdikhoyo wathi: “Hambani niyokukhupha amaSirayeli eJiputa.”
27. Ngabo abâthetha nokumkani waseJiputa ngokukhululwa kwamaSirayli eJiputa, lo Mosis nalo Aron.