Eyemfuduko 6:22-27 Ibhayibhile (XHO96)

22. Oonyana bakaUziyeli nguMishayeli, noElifazan, noSitri.

23. UAron wathatha uElishebha intombi ka-Aminadabhi, udade boNashon, owazala uNadabhi, noAbhihu, noElazare.

24. Oonyana bakaKora nguAsire, noElikana, noAbhiyasafu. Ezo ke zizindlu zakwaKora.

25. UElazare unyana ka-Aron wathatha enye yeentombi zikaPutiyeli eyazala uFineyasi. Ezi ke ziintloko zezindlu zakwaLevi.

26. Ngulaa Aron ke lo wathi benoMosis bathunywa nguNdikhoyo wathi: “Hambani niyokukhupha amaSirayeli eJiputa.”

27. Ngabo abâthetha nokumkani waseJiputa ngokukhululwa kwamaSirayli eJiputa, lo Mosis nalo Aron.

Eyemfuduko 6