Eyemfuduko 40:32-36 Ibhayibhile (XHO96)

32. ngalo lonke ixesha bengena esibingelelweni okanye besiya kwiqonga lamadini, ngokwelizwi likaNdikhoyo.

33. Ke kaloku uMosis wabiyela inkundla yangqonga isibingelelo neqonga lamadini, waza walivala ngomkhusane isango layo. Waba ke ngoko uwufezile umsebenzi.

34. Kwesi sithuba ke lasuka ilifu lasigubungela *isibingelelo, saza isibingelelo sathi qhakra bubuqaqawuli *bukaNdikhoyo.

35. Ngenxa yale meko uMosis akabanga saba nako ukungena esibingelelweni.

36. Kolu hambo lwawo ke amaSirayeli ayesithi apho lisuke khona ilifu esibingelelweni athabathise eluhambeni kwakhona.

Eyemfuduko 40