Eyemfuduko 40:27-34 Ibhayibhile (XHO96)

27. watshisa eso siqhumiso sivumba limnandi ngokwelizwi likaNdikhoyo.

28. Waxhoma umkhusane esangweni lesibingelelo,

29. waza wemisa iqonga lamadini apho ngasesangweni. Belisenziwa apho ke idini elitshiswayo kunye nedini leenkozo ngokomlomo kaNdikhoyo.

30. Wabeka isitya sokuhlambela phakathi kweqonga lamadini nentente yesibingelelo, waza wasizalisa ngamanzi.

31. UMosis, uAron, noonyana bakhe, babehlamba izandla neenyawo zabo apho kuloo manzi,

32. ngalo lonke ixesha bengena esibingelelweni okanye besiya kwiqonga lamadini, ngokwelizwi likaNdikhoyo.

33. Ke kaloku uMosis wabiyela inkundla yangqonga isibingelelo neqonga lamadini, waza walivala ngomkhusane isango layo. Waba ke ngoko uwufezile umsebenzi.

34. Kwesi sithuba ke lasuka ilifu lasigubungela *isibingelelo, saza isibingelelo sathi qhakra bubuqaqawuli *bukaNdikhoyo.

Eyemfuduko 40