Eyemfuduko 4:20-28 Ibhayibhile (XHO96)

20. UMosis ke wakhwelisa umkakhe nabantwana edonkini, waphindela kwelaseJiputa, ephethe intonga awayeyiyalezwe nguThixo.

21. UNdikhoyo wamyaleza uMosis, wathi: “Wakufika eJiputa uzuyenze phambi kokumkani yonke imimangaliso endikunike amandla okuyenza. Kodwa ke ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo yakhe, angavumi ukuwakhulula amaSirayeli.”

22. Waqhuba wathi: “Uze uthi apho kukumkani: ‘UNdikhoyo uthi: USirayeli ngunyana wam wamazibulo;

23. ngoko ke mkhulule aye kundikhonza; kuba ukuba ngaba uyala, ndiya kubulala unyana wakho wamazibulo. ’ ”

24. Kwathi apho babelalise khona uNdikhoyo wamvunukela uMosis, efuna ukumbulala,

25-26. koko wesuka uZipora wathatha intshengeca yelitye lenyengane, wolusa unyana wakhe, waza ngokunjalo wachukumisa iinyawo zikaMosis, esithi: “Ngenene kum ungumyeni wegazi.” Wayesitsho exela ulwaluko. Ngoko ke uNdikhoyo wamyeka uMosis.

27. Wathi ke uNdikhoyo kuAron: “Yiya entlango, uhlangabeze uMosis.” Wanduluka ke uAron, baza bahlangana entabeni kaThixo, wamanga.

28. UMosis ke wabalisela uAron onke amazwi awawathethayo kuye uNdikhoyo, ngokunjalo nemiqondiso awamnika yona.

Eyemfuduko 4