5. Ibhanti yayo entle kunene, eyenziwe kwangelo laphu, bayithungela ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.
6. Bathatha amatye ekarneli, bawalungisa bawafakela izipeliti zegolide. Kula matye ke kwakukrolwe ngobugcisa obukhulu amagama oonyana bakaYakobi abalishumi elinambini.
7. Bawafakela kwimixwayo yesidanga ukuze abe sisikhumbuzo ngoonyana bakaSirayeli abalishumi elinambini ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.
8. Isikhuselo-sifuba basenza kwangezaa zinto senziwe ngazo *isidanga, nangobugcisa obukwanjalo.