Eyemfuduko 39:20-27 Ibhayibhile (XHO96)

20. Kwangokunjalo benza amanye amakhonkco amabini ngegolide. Bawanxibelela kumazantsi emixwayo yesidanga ngaphambili, kude kufuphi kodwa ngaphezu kwalaa bhanti ithungwe ngobugcisa nobuchule.

21. Kanye ngokomlomo *kaNdikhoyo kuMosis amakhonkco esikhuselo-sifuba bawadibanisa namakhonkco esidanga ngomtya ozuba, ngohlobo lokuba isikhuselo-sifuba sihlale phezu kwesidanga singabhakuzeli.

22. Ke wona umnweba onxitywa phezu *kwesidanga bawenza ngelaphu elizuba.

23. Indawo yokungena intloko bayivula, baza bayiqukumbela yaqina, khon' ukuze ingakrazuki.

24-26. Kumazantsi awo bawenzela imifanekiso yerharnati ezuba, emsobo, nebomvu. Ezi zihombiso ke bazenza zabolekisana neentsinjana ezenziwe ngegolide ngokomlomo *kaNdikhoyo kuMosis.

27. UAron noonyana bakhe babathungela iihempe,

Eyemfuduko 39