Eyemfuduko 38:6-9 Ibhayibhile (XHO96)

6. Wenza nemiqobo yokuphatha ngomngampunzi, wayityabeka ngobhedu,

7. waza wayifaka kulaa makhonkco ngapha nangapha. Iqonga elo ke walenza langumhaba-haba nje.

8. Waza ke uBhezaleli wenza isitya sokuhlambela ngobhedu; nesiseko saso wasenza kwangobhedu. Olu bhedu ke baluthatha kwizipili zobhedu ezanikezelwa ngamakhosikazi awayelungiselela apho esangweni *lesibingelelo.

9. *Isibingelelo ke uBhezaleli wasenzela inkundla ngomkhusane owenziwe ngelaphu elisontwe ngobuchule. Kwicala langezantsi lo mkhusane wawuziimitha ezimashumi mane nane ubude.

Eyemfuduko 38