Eyemfuduko 38:2-7 Ibhayibhile (XHO96)

2. Izibonda zalo ezikoneni phaya wazenza zalabalaba zenza iimpondo. Walityabeka ngobhedu jikelele.

3. Ngokunjalo ke walenzela izixhobo zalo: iimbiza zokukhongozela uthuthu, iifotsholo, izitya, iifolokhwe, neepleyiti zomlilo. Zonke ezi zixhobo wazenza ngobhedu.

4. Wenza isisefu ngobhedu, waza wasifaka phantsi kongqameko olujikeleze iqonga, ngohlobo lokuba sithathe isiqingatha sokuphakama kweqonga.

5. Ezikoneni phaya wafakela amakhonkco okungena imiqobo yesisefu.

6. Wenza nemiqobo yokuphatha ngomngampunzi, wayityabeka ngobhedu,

7. waza wayifaka kulaa makhonkco ngapha nangapha. Iqonga elo ke walenza langumhaba-haba nje.

Eyemfuduko 38