Eyemfuduko 38:1-14-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uBhezaleli wenza iqonga lamadini ngomngampunzi. Lalilingana macala, liziimitha ezimbini namashumi amabini eesentimitha ubude nobubanzi; ukuphakama kuyimitha enye namashumi amathathu eesentimitha.

10. Wawumisa ngeentsika zobhedu ezimashumi mabini, zixhaswe ziziseko zobhedu ezimashumi mabini, waza wenza namahaki nemiqadi ngesiliva.

11. Nakwicala langasentla ke wayenza kwangolu hlobo.

12. Ngasentshona ke umkhusane wawenza ngelaphu eliziimitha ezimashumi mabini nambini ubude, wawenzela neentsika ezilishumi, zaxhaswa ziziseko ezikwalishumi; wenza namahaki nemiqadi ngesiliva.

13. Kwicala lasempuma, apho kwakukho isango, umkhusane wawuziimitha ezimashumi mabini nambini ububanzi.

14-15. Ngapha nangapha esangweni umkhusane wawenza waziimitha ezintandathu mashumi omathandathu eesentimitha; wawenzela neentsika ezintathu, zaxhaswa ziziseko ezikwazithathu.

Eyemfuduko 38