Eyemfuduko 36:8-26 Ibhayibhile (XHO96)

8. Awona madoda angamagcisa kulawo ayesebenza, enza *isibingelelo ngemikhusane elishumi yelaphu elihle kunene, linombala ozuba, omsobo, nobomvu; lihonjiswe laqhoqhonywa ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko, ezenziwe ngobugcisa nobunono.

9. Le mikhusane yayilingana, iziimitha ezilishumi elinambini ubude, nesibini seemitha ububanzi.

10. Imikhusane leyo ke bayithunga bayidibanisa ngamihlanu ngamihlanu.

11. Benza amarhintyela ngelaphu elizuba phaya emphethweni ngapha nangapha.

12. Bafaka amarhintyela angamashumi amahlanu kuloo macala omabini, bawenza alungelelana.

13. Benza namashumi amahlanu amahaki ngegolide, khon' ukuze la macala mabini emikhusane ahlanganiswe abe yinto enye.

14. Baza ke benza intente yangaphandle ngemiqulu elishumi elinanye eyenziwe ngoboya bebhokhwe.

15. Bayenza yalingana yaziimitha ezilishumi elinantathu ubude, zambini ke ububanzi.

16. Isihlanu sayo ke basithunga basidibanisa sayinto enye; ngokunjalo nesithandathu eso basithunga basidibanisa sayinto enye naso.

17. Bafakela amarhintyela angamashumi amahlanu emphethweni wecala ngalinye.

18. Bathatha ubhedu, benza ngalo amahaki angamashumi amahlanu, khon' ukuze la macala mabini adityaniswe.

19. Baza intente bayenzela izigqubuthelo ezibini, esangaphantsi senziwe ngofele olubomvu lwenkunzi yegusha, esangaphezulu ngesikhumba esisukiweyo.

20. Benza izakhelo zokuxhasa intente leyo ngomngampunzi.

21. Isakhelo ngasinye sasiziimitha ezine ubude neesentimitha ezingamashumi amathandathu nesithandathu ububanzi.

22. Bazenza ke zalabalaba ngapha nangapha, ukuze zibe nokuhlanganiswa. Zonke ke izakhelo zenziwa ngale ndlela.

23. Izakhelo ezo zaba ngamashumi amabini ezangezantsi.

24. Ngokunjalo bazenzela iziseko ngesiliva zamashumi mane, zazibini esakhelweni, ukuze zibambe nale ndawo ilabalabayo.

25. Amantla bawenzela izakhelo ezingamashumi amabini,

26. ngokunjalo neziseko zesiliva ezingamashumi amane, zazibini esakhelweni.

Eyemfuduko 36