Eyemfuduko 36:4-14 Ibhayibhile (XHO96)

4. Amagcisa lawo ayesebenza awuyeka umsebenzi,

5. aya kuMosis, athi: “Lo mnikelo bawuzisayo aba bantu ngoku mninzi ngaphezu kwemfuneko yomsebenzi esiwuyalelwe *nguNdikhoyo.”

6. Ngoku ke uMosis wakhupha umyalelo, kwaza kwavakaliswa kumzi wonke kwathiwa: “Makungabikho bani, nokuba yindoda okanye obhinqileyo, ozisa omnye umnikelo esibingelelweni.” Ngoko ke abantu banqumama ekunikeleni.

7. Lo mnikelo wawuselugqithisiwe wawungaphezu kwemfuneko.

8. Awona madoda angamagcisa kulawo ayesebenza, enza *isibingelelo ngemikhusane elishumi yelaphu elihle kunene, linombala ozuba, omsobo, nobomvu; lihonjiswe laqhoqhonywa ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko, ezenziwe ngobugcisa nobunono.

9. Le mikhusane yayilingana, iziimitha ezilishumi elinambini ubude, nesibini seemitha ububanzi.

10. Imikhusane leyo ke bayithunga bayidibanisa ngamihlanu ngamihlanu.

11. Benza amarhintyela ngelaphu elizuba phaya emphethweni ngapha nangapha.

12. Bafaka amarhintyela angamashumi amahlanu kuloo macala omabini, bawenza alungelelana.

13. Benza namashumi amahlanu amahaki ngegolide, khon' ukuze la macala mabini emikhusane ahlanganiswe abe yinto enye.

14. Baza ke benza intente yangaphandle ngemiqulu elishumi elinanye eyenziwe ngoboya bebhokhwe.

Eyemfuduko 36