Eyemfuduko 36:3-10 Ibhayibhile (XHO96)

3. UMosis wazigqithisela kubo zonke izinto zokusebenza ezazingumnikelo ovela kumaSirayeli ngeenjongo zokwakha *isibingelelo. Baza abantu bathi rhoqo ukuzisa iminikelo yabo ngeentsasa zonke.

4. Amagcisa lawo ayesebenza awuyeka umsebenzi,

5. aya kuMosis, athi: “Lo mnikelo bawuzisayo aba bantu ngoku mninzi ngaphezu kwemfuneko yomsebenzi esiwuyalelwe *nguNdikhoyo.”

6. Ngoku ke uMosis wakhupha umyalelo, kwaza kwavakaliswa kumzi wonke kwathiwa: “Makungabikho bani, nokuba yindoda okanye obhinqileyo, ozisa omnye umnikelo esibingelelweni.” Ngoko ke abantu banqumama ekunikeleni.

7. Lo mnikelo wawuselugqithisiwe wawungaphezu kwemfuneko.

8. Awona madoda angamagcisa kulawo ayesebenza, enza *isibingelelo ngemikhusane elishumi yelaphu elihle kunene, linombala ozuba, omsobo, nobomvu; lihonjiswe laqhoqhonywa ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko, ezenziwe ngobugcisa nobunono.

9. Le mikhusane yayilingana, iziimitha ezilishumi elinambini ubude, nesibini seemitha ububanzi.

10. Imikhusane leyo ke bayithunga bayidibanisa ngamihlanu ngamihlanu.

Eyemfuduko 36