2. Ke kaloku uMosis wathetha noBhezaleli noHoliyabhi, nabo bonke abaphiwe ubugcisa nababelangazelela ukunceda, wathi mabaqalise ukusebenza.
3. UMosis wazigqithisela kubo zonke izinto zokusebenza ezazingumnikelo ovela kumaSirayeli ngeenjongo zokwakha *isibingelelo. Baza abantu bathi rhoqo ukuzisa iminikelo yabo ngeentsasa zonke.
4. Amagcisa lawo ayesebenza awuyeka umsebenzi,
5. aya kuMosis, athi: “Lo mnikelo bawuzisayo aba bantu ngoku mninzi ngaphezu kwemfuneko yomsebenzi esiwuyalelwe *nguNdikhoyo.”
6. Ngoku ke uMosis wakhupha umyalelo, kwaza kwavakaliswa kumzi wonke kwathiwa: “Makungabikho bani, nokuba yindoda okanye obhinqileyo, ozisa omnye umnikelo esibingelelweni.” Ngoko ke abantu banqumama ekunikeleni.
7. Lo mnikelo wawuselugqithisiwe wawungaphezu kwemfuneko.
8. Awona madoda angamagcisa kulawo ayesebenza, enza *isibingelelo ngemikhusane elishumi yelaphu elihle kunene, linombala ozuba, omsobo, nobomvu; lihonjiswe laqhoqhonywa ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko, ezenziwe ngobugcisa nobunono.
9. Le mikhusane yayilingana, iziimitha ezilishumi elinambini ubude, nesibini seemitha ububanzi.