1. “Ngoko ke uBhezaleli noHoliyabhi, nawo onke amagcisa anikwe ezi ziphiwo nokuqonda, anabo ubuchule bokuzenza zonke ezi zinto zifunekayo ekwakhiweni *kwesibingelelo, makazenze zonke zibe matwa nomyalelo kaNdikhoyo.”
2. Ke kaloku uMosis wathetha noBhezaleli noHoliyabhi, nabo bonke abaphiwe ubugcisa nababelangazelela ukunceda, wathi mabaqalise ukusebenza.
3. UMosis wazigqithisela kubo zonke izinto zokusebenza ezazingumnikelo ovela kumaSirayeli ngeenjongo zokwakha *isibingelelo. Baza abantu bathi rhoqo ukuzisa iminikelo yabo ngeentsasa zonke.
4. Amagcisa lawo ayesebenza awuyeka umsebenzi,
5. aya kuMosis, athi: “Lo mnikelo bawuzisayo aba bantu ngoku mninzi ngaphezu kwemfuneko yomsebenzi esiwuyalelwe *nguNdikhoyo.”
6. Ngoku ke uMosis wakhupha umyalelo, kwaza kwavakaliswa kumzi wonke kwathiwa: “Makungabikho bani, nokuba yindoda okanye obhinqileyo, ozisa omnye umnikelo esibingelelweni.” Ngoko ke abantu banqumama ekunikeleni.
7. Lo mnikelo wawuselugqithisiwe wawungaphezu kwemfuneko.
8. Awona madoda angamagcisa kulawo ayesebenza, enza *isibingelelo ngemikhusane elishumi yelaphu elihle kunene, linombala ozuba, omsobo, nobomvu; lihonjiswe laqhoqhonywa ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko, ezenziwe ngobugcisa nobunono.
9. Le mikhusane yayilingana, iziimitha ezilishumi elinambini ubude, nesibini seemitha ububanzi.
10. Imikhusane leyo ke bayithunga bayidibanisa ngamihlanu ngamihlanu.
11. Benza amarhintyela ngelaphu elizuba phaya emphethweni ngapha nangapha.
12. Bafaka amarhintyela angamashumi amahlanu kuloo macala omabini, bawenza alungelelana.
13. Benza namashumi amahlanu amahaki ngegolide, khon' ukuze la macala mabini emikhusane ahlanganiswe abe yinto enye.
14. Baza ke benza intente yangaphandle ngemiqulu elishumi elinanye eyenziwe ngoboya bebhokhwe.
15. Bayenza yalingana yaziimitha ezilishumi elinantathu ubude, zambini ke ububanzi.
16. Isihlanu sayo ke basithunga basidibanisa sayinto enye; ngokunjalo nesithandathu eso basithunga basidibanisa sayinto enye naso.