Eyemfuduko 35:22-34 Ibhayibhile (XHO96)

22. Amadoda nabafazi ababeziva belangazelela ukunikela beza nezipeliti zokuhombisa, amacici, imisesane, amaso, nazo zonke iintlobo-ntlobo zobunewu-newu begolide, bazenza umnikelo owodwa kuNdikhoyo.

23. Bezisa amalaphu amahle, azuba, amsobo, nabomvu; ilaphu loboya bebhokhwe, ufele olubomvu lwenkunzi yegusha, nesikhumba esisukiweyo.

24. Kanti ke nabathanda ukunikela ngesiliva okanye ubhedu benjenjalo. Abanye banikela ngomngampunzi, khon' ukuze usetyenziswe nakuwuphi na umsebenzi.

25. Onke amakhosikazi angamagcisa okusonta ezisa amalaphu amahle nemisonto ezuba, emsobo, nebomvu, awayeyisontile.

26. Benza umsonto ngoboya bebhokhwe.

27. Iinkokheli zona zeza namatye ekarneli namanye amatye okuhombisa *isidanga nesikhuselo-sifuba,

28. iziqholo neoyile yesibane, neziqholo zeoyile, neziqhumiso ezivumba limnandi.

29. Onke amaSirayeli awayeziva enolangazelelo ezisa iminikelo kuNdikhoyo, khon' ukuze kufezekiswe umsebenzi owawuyalelwe uMosis.

30. UMosis wathi kumaSirayeli: “Niyabona, *uNdikhoyo unyule uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda.

31. Umzalisile ngoMoya wakhe, wamthi jize ngobugcisa nobuchule nengqiqo ephangaleleyo,

32. ukuze akwazi ukucwangcisa nokuyila nokusebenza ngegolide, isiliva, nobhedu,

33. ukukrola nokuqingqa amatye, nokuchwela, nawo wonke umsebenzi wobugcisa.

34. Yena enoHoliyabhi unyana ka-Ahisamaki wendlu kaDan ubaphile ubuchule bokufundisa abanye ubugcisa.

Eyemfuduko 35