1. UMosis waliqokelela lonke ibandla lamaSirayeli, wathi: “Nantsi imiyalelo *kaNdikhoyo:
2. iintsuku zokusebenza imisebenzi yenu zintandathu evekini, kodwa lona usuku lwesixhenxe ngumhla owodwa okhethekileyo; ngumhla kaNdikhoyo, umhla wokuphumla. Nabani na ke owenza nawuphi na umsebenzi ngawo wobulawa.
3. Ngawo akunakubaswa nomlilo lo emizini yenu.”
4. UMosis waliyalela lonke ibandla lamaSirayeli, wathi: “*UNdikhoyo uthi
5. wonke umntu oziva elangazelela ukunikela kuye makathathe kwinto anayo: igolide, isiliva, ubhedu,