1. *UNdikhoyo waxelela uMosis wathi:
2. “Uyabona ke, uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, ndimnyule.
3. Ndimzalise ngoMoya wam, ndamthi jize ngokuqonda, ubuchule, nabo bonke ubugcisa;
4. ukucwangcisa nokuyila esebenza ngegolide, isiliva, nobhedu;
5. ukukrola nokuqingqa amatye, nokuchwela, nawo wonke umsebenzi wobugcisa.