9. Kaloku isikhalo samaSirayeli side saza kufikelela kum, ibe ke ndiyibonile nengcinezelo aphantsi kwayo esandleni samaJiputa.
10. Hamba ke; ndikuthuma kukumkani waseJiputa, ukuze ubakhokele baphume eJiputa abantu bam amaSirayeli.”
11. UMosis wathi kuThixo: “Kuxa ndingubani mna ukuba ndingade ndiye kukumkani ukuze ndikhuphe amaSirayeli eJiputa?”
12. UThixo waphendula wathi: “Ndiya kuba nawe. Nanku umqondiso wokuba uthunywa ndim: mhla wabakhupha abo bantu eJiputa noza kundinqula mna Thixo apha kule ntaba.”
13. UMosis wabuza wathi: “Ukuba ndiyile ke kumaSirayeli, ndawaxelela ukuba ndithunywe kuwo nguThixo wookhokho bawo, aza wona andibuza ukuba ngubani igama lakhe, ze ndithini?”
14. UThixo waphendula wathi: “Ndinguye uNdikhoyo. Uze uwaxelele amaSirayeli ukuba uthunywa nguNdikhoyo.”
15. UThixo waqhuba wathi: “Uze uthi kumaSirayeli: ‘Ndithunywa *nguNdikhoyo, uThixo wookhokho benu: uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.’ Kaloku eli ligama lam nanini nanini; ndaye ke ndiya kubizwa ngalo nazizizukulwana ezizayo.
16. Ngoko ke hamba uwaqokelele amadoda amakhulu amaSirayeli, uthi kuwo: ‘Ndimbonile uNdikhoyo, uThixo wookhokho benu, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi; uthe: “Ndinijongile ndayibona imeko enikuyo apha eJiputa;