Eyemfuduko 3:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. UThixo wathi kuye: “Sukusondela; khulula iimbadada ezo, kuba le ndawo umi kuyo yindawo eyodwa.” Wandula wathi uThixo kuye:

6. “Mna ndinguThixo wookhokho bakho; uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.” UMosis ke wabugquma ubuso bakhe, kuba esoyika ukujonga uThixo.

7. Waqhuba ke *uNdikhoyo wathi: “Ngenene ndiyibonile imbandezelo yabantu bam eJiputa. Ndisivile nesimbonono sabo ngenxa yâbo babatshutshisayo. Ewe, ndiyayiqonda intlungu yabo;

8. ngoku ke ndihlile ukuze ndibahlangule esandleni samaJiputa, ndibakhulule baphume kwelo lizwe, baye kwilizwe elihle eliphangaleleyo, eliphuphuma ubisi nobusi. Elo ke lelamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.

9. Kaloku isikhalo samaSirayeli side saza kufikelela kum, ibe ke ndiyibonile nengcinezelo aphantsi kwayo esandleni samaJiputa.

10. Hamba ke; ndikuthuma kukumkani waseJiputa, ukuze ubakhokele baphume eJiputa abantu bam amaSirayeli.”

Eyemfuduko 3