Eyemfuduko 3:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. Apha kulapho sabonakalayo kuye isithunywa *sikaNdikhoyo etyholweni elidangazela umlilo. Uthe ke akuqwalasela uMosis wabona ukuba okunene ityholo liyavutha, kodwa alide litshe.

3. Wathetha yedwa wathi: “Makhe ndisondele ndibone lo mhlola! Ngani ukuba ityholo lingatshi?”

4. *UNdikhoyo wathi akubona ukuba uMosis uyasondela efuna ukuqonda lo mbono, wamkhwaza esetyholweni apho, wathi: “Mosis! Mosis!”Wasabela ke yena wathi: “Ewe, ndim lo.”

5. UThixo wathi kuye: “Sukusondela; khulula iimbadada ezo, kuba le ndawo umi kuyo yindawo eyodwa.” Wandula wathi uThixo kuye:

6. “Mna ndinguThixo wookhokho bakho; uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.” UMosis ke wabugquma ubuso bakhe, kuba esoyika ukujonga uThixo.

7. Waqhuba ke *uNdikhoyo wathi: “Ngenene ndiyibonile imbandezelo yabantu bam eJiputa. Ndisivile nesimbonono sabo ngenxa yâbo babatshutshisayo. Ewe, ndiyayiqonda intlungu yabo;

8. ngoku ke ndihlile ukuze ndibahlangule esandleni samaJiputa, ndibakhulule baphume kwelo lizwe, baye kwilizwe elihle eliphangaleleyo, eliphuphuma ubisi nobusi. Elo ke lelamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.

Eyemfuduko 3