Eyemfuduko 3:15-19 Ibhayibhile (XHO96)

15. UThixo waqhuba wathi: “Uze uthi kumaSirayeli: ‘Ndithunywa *nguNdikhoyo, uThixo wookhokho benu: uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.’ Kaloku eli ligama lam nanini nanini; ndaye ke ndiya kubizwa ngalo nazizizukulwana ezizayo.

16. Ngoko ke hamba uwaqokelele amadoda amakhulu amaSirayeli, uthi kuwo: ‘Ndimbonile uNdikhoyo, uThixo wookhokho benu, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi; uthe: “Ndinijongile ndayibona imeko enikuyo apha eJiputa;

17. ngoku ke ndizimisele ukunikhulula kule mbandezelo yaseJiputa, ndinise kwilizwe lamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi; nditsho ilizwe elivuza ubisi nobusi.” ’

18. “Ukuba ke utshilo kubo baya kukuphulaphula. Wena ke uya kuthatha amadoda amakhulu amaSirayeli, niye kukumkani waseJiputa, nithi kuye: ‘Sibonene noNdikhoyo uThixo wamaHebhere; ngoku ke siyakubongoza ukuba ukhe usikhulule, sithathe uhambo lweentsuku ezintathu, siye entlango, sibingelele simenzele idini uNdikhoyo Thixo wethu.’

19. Kambe ke ndiyazi ukuba ukumkani waseJiputa akayi kunivumela ngaphandle kokuba ndide ndimnyanzele.

Eyemfuduko 3