Eyemfuduko 29:17-18-24 Ibhayibhile (XHO96)

2. Thatha umgubo wengqolowa wodidi oluphambili, wenze isonka sentlama engenagwele, namaqebengwana anamafutha, nemiqathane yentlama engenagwele ethanjiswe ngamafutha.

3. Ezo zonka zifake ebhaskitini, wenze ngazo umnikelo xa ubingelela ngezaa nkunzi, eyenkomo nezeegusha ezimbini.

4. “UAron noonyana bakhe mabeze esangweni lesibingelelo, ubahlambe ngamanzi.

5. UAron ke makanxibe ezobubingeleli: ihempe, *isidanga, umnweba, isikhuselo-sifuba, nebhanti;

6. umthwalise iqhiya, ulebele ngelaa cwecwe libhalwe ukuthi: ‘*OkaNdikhoyo pheleleyo.’

7. Wakukhov' ukwenjenjalo ke, mthi jize ngamafutha entloko, umthambise.

8. “Thatha oonyana bakhe, ubafake iminweba;

9. bafake imixwayo, bathwale iminqwazi yabo. Le ke yindlela oya kummisela ngayo uAron noonyana bakhe; ububingeleli iya kuba ngummiselo wabo nanini nanini.

17-18. Inyama leyo yihlahle, ke zona izibilini uzihlambe ndawonye namanqina. Ezi ndawo ndizibalileyo ke, nenyama xa iyonke, ngokunjalo nentloko, zidibanise uzitshisele phezu kweqonga lamadini. Eli ke lidini elitshiswayo. Litsho ngevumba elimyoli kuNdikhoyo.

19. “Kananjalo thatha enye inkunzi yegusha leyaa, utsho uAron noonyana bakhe babeke izandla zabo phezu kwentloko yayo.

20. Yixhele, uthathe kwigazi layo, uqabe isithinzi sendlebe yasekunene kuAron nakoonyana bakhe. Kwakhona qaba oobhontsi babo basekunene ezandleni, ngokunjalo noobhontsi basekunene beenyawo zabo. Igazi eliseleyo ke lisarhaze macal' onke apho kwiqonga lamadini.

21. Thatha kwigazi elilapho phezu kweqonga lamadini, ndawonye neoyile yokuthambisa, ufefe uAron noonyana bakhe ndawonye neempahla zabo. Xa bebonke ke, ngokunjalo neempahla zabo, baya kumiselwa banikezelwe emsebenzini wam.

22. “Thatha amanqatha enkunzi yegusha leyo ke, iketelele lomsila, umhlehlo, inxalenye yesibindi, izintso zombini, ndawonye namanqatha azo, nomlenze wasekunene.

23. Phaya ebhaskitini caphula kwiintlobo zonke: isonka, iqebengwana, nomqathane.

24. Zibeke ezandleni zika-Aron noonyana bakhe, baziwangawangise, bandenzele ngazo umnikelo owodwa.

Eyemfuduko 29