Eyemfuduko 28:11-12-28 Ibhayibhile (XHO96)

2. Umntakwenu uAron menzele izivatho zobubingeleli eziya kumtsho abe nesidima nomfaneleko.

3. Yalela abantu abanesiphiwo sobugcisa nobuchule, utsho benzele uAron izinxibo, khon' ukuze amiselwe umsebenzi wobubingeleli.

4. Mabenze isikhuselo-sifuba, *isidanga, umnweba, ihempe ehonjisiweyo, iqhiya, kunye nomxwayo. Ezo mpahla ke mabazenzele uAron nooyana bakhe, ukuze bangene kulo msebenzi uwodwa wobubingeleli.

5. Kulo msebenzi ke mabasebenzise igolide, nelaphu elizuba, elimsobo, nelibomvu; ibe ngamalaphu asontwe ngobuchule.

6. “Isidanga mabasenze ngolu hlobo: umbala ozuba, omsobo, nobomvu, basebenzise igolide nelaphu eliqhoqhonywe lahonjiswa ngobugcisa.

7. Masibe nemixwayo eqabela emagxeni, idibanise amacala aso omabini.

8. Masibe nebhanti eyenziwe kwangelo laphu layo, sibe yinto enye nje, ithungwe ngobugcisa nobuchule obukhulu.

9. Thatha amatye ekarneli abe mabini, ukrole kuwo amagama oonyana bakaSirayeli,

11-12. La magama oonyana bakaSirayeli ke makabhalwe ligcisa lomkroli. La macwecwe anala magama makaqhotyoshelwe ngesipeliti segolide kule mixwayo isemagxeni esidanga, ukuze ahlale esisikhumbuzo ngoonyana bakaSirayeli. Ngale ndlela ke uAro uya kuhlala ewathwele emagxeni la magama, ukuze abe sisikhumbuzo *kuNdikhoyo.

13. Thatha igolide, wenze izipeliti zokubamba la matye zibe zibini.

14. Mazibe namatsheyini amabini aphothwe ngemingqa yegolide.”

15. “Yenza isikhuselo-sifuba esiya kunceda umbingeleli omkhulu xa efuna ukuqonda intando kaThixo. Masenziwe kwangezaa zinto senziwe ngazo *isidanga, nangobugcisa obukwanjalo.

16. Masibe ngumphindo olinganayo, ubude bube ziisentimitha ezingamashumi amabini nambini, nobubanzi bube kangako.

17. Masihonjiswe ngemiqolo emine yamatye exabiso. Kuludwe lokuqala ibe yirubhi, itopazi, negarneti;

18. kolwesibini ibe yiemeraldi, isafire, nedayimani;

19. kumqolo wesithathu ibe yitekoyisi, iagati, neamatiste;

20. kowesine ibe yibherile, ikarneli, nejaspa. Onke ke makabanjwe ngesipeliti segolide.

21. Kuya kubakho amatye alishumi elinambini. Kwilitye ngalinye ke kokrolwa igama lomnye woonyana bakaYakobi abamele izindlu zakwaSirayeli.

22. Isikhuselo-sifuba masibe namatsheyini amabini aphothwe ngemingqa yegolide.

23. Kwiikona zaso zangasentla nxibelela amakhonkco amabini egolide,

24. uze ke uqhinele la matsheyini mabini kuwo.

25. Kambe ke la macala mabini amatsheyini aseleyo orhintyela kwezaa zipeliti zibini, ukuze ngolo hlobo abhijele ngaphambili aye kuqhagamshela kwimixwayo yesidanga.

26. Kwakhona ke yenza amakhonkco amabini ngegolide, uwanxibelele phaya kwezaa kona zaso zingezantsi ngaphakathi phezu kwesidanga.

27. Ngokukwanjalo yenza amanye amakhonkco abe mabini ngegolide, uwanxibelele kumazantsi emixwayo yesidanga ngaphambili, kude kufuphi kodwa ngaphezu kwalaa bhanti ithungwe ngobugcisa nobuchule.

28. Amakhonkco esikhuselo-sifuba wadibanise namakhonkco esidanga ngomtya ozuba, ukuze isikhuselo-sifuba sihlale phezu kwesidanga singabhakuzeli.

Eyemfuduko 28