Eyemfuduko 26:3-6 Ibhayibhile (XHO96)

3. La malaphu wadibanise abe mahlanu ngamahlanu.

4. Thatha ilaphu elizuba, wenze amarhintyelo phaya emphethweni ngapha nangapha.

5. Loo marhintyelo ke makabe ngamashumi amahlanu kweli cala; kanti ke nakweliya icala makabe kwangako, alungelelane.

6. Kwangokunjalo ke thatha igolide, wenze amahaki angamashumi amahlanu, khon' ukuze la macala mabini adityaniswe, intente yesibingelelo ibe yinto enye.

Eyemfuduko 26