Eyemfuduko 23:5-9 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ukuba ubona umntu okuthiyileyo eqhuba idonki ebuthisayo isoyiswa ngumthwalo, sukumyekela; mncedise niyivuse.

6. “Musa ukugqwetha umthetho xa kuthethwa ityala lehlwempu.

7. Bucezele ubuqhophololo bokutyhola umntu ongenatyala, ungabi sisizekabani sokufa kwelungisa elimsulwa, kuba iqhophololo ndiyaligweba.

8. Sukuvuma ukunyotywa, kuba unyobo luyamfamekisa, luwawexule amalungisa.

9. Ungamcinezeli umbhaceli. Kaloku uyazi ukuba kunjani na ukuba ngumbhaceli, kuba wawukhe wangumbhaceli kwelaseJiputa.”

Eyemfuduko 23