Eyemfuduko 23:31-33 Ibhayibhile (XHO96)

31. Imida yakho iya kusuka kuLwandle oluBomvu, iye kuthi xhaxe kulwandle iMeditera; isuke kumlambo iEfrati, iye kuthi gaa ngentlango. Ndiya kubanikezela kuwe abemi belo zwe, ubagxothe phambi kwakho.

32. Uze ungenzi mnqophiso nabo, okanye *nezithixo zabo.

33. Uze ungabavumeli beme emhlabeni wakho, hleze bakulukuhle undivukele. Mhla wazinqula izithixo zabo, woba ungenile emgibeni.”

Eyemfuduko 23