Eyemfuduko 19:4-8 Ibhayibhile (XHO96)

4. ‘Niyibonile imimangaliso endiyenzileyo mna Ndikhoyo kumaJiputa, nokuba nani ndanisondeza ndanithwala ngokokhozi luthwele amathole alo.

5. Ngoku ke, ukuba niyandithobela, nenze ngokomnqophiso wam, niya kuba ngabantu bam ncakasana. Kaloku lelam ihlabathi liphela,

6. kambe ke nina niya kuba ngababingeleli basebhotwe, nibe luhlanga olulodwa.’ Ngawo la ke amazwi omawuwabhekise kumaSirayeli.”

7. UMosis wehla ke entabeni, wawadibanisa amadoda amakhulu, wawaneka umyalelo kaNdikhoyo phambi kwawo.

8. Aphendula ke amaSirayeli xa ewonke athi: “Zonke izinto azithethayo uNdikhoyo siya kuzenza.” UMosis wawugqithisa ke umlomo wamaSirayeli kuNdikhoyo.

Eyemfuduko 19