19. Kanti ke nesandi sexilongo saya sikhula ngakumbi. Waza wathetha ke uMosis, naye uThixo waphendula ngeendudumo.
20. Ke kaloku uNdikhoyo wehla wathi ngcu phezu kwencochoyi yentaba iSinayi, wathi kuMosis makenyukele khona naye,
21. waza ke wathuma uMosis, wathi: “Yihla ufike ubayale abantu hleze bawutsibe umda, beze kundibuka, kuba xa beyenzile loo nto luya kufa uninzi lwabo.
22. Nkqu nababingeleli abasondelayo kum mabahlambuluke, hleze ndibatshabalalise.”