Eyemfuduko 18:13-17 Ibhayibhile (XHO96)

13. Kwangentseni ngomhla olandelayo uMosis waba sisinxadanxada, echophele amatyalala, esombulula iingxaki zamaSirayeli kwada kwahlwa.

14. Uthe ke uJetro akuyibona le meko yokuxakeka kukaMosis, wabuza wathi: “Khawutsho, yintoni kanye le niyenzayo naba bantu bakho? Khona, ngani ukuba ube wedwa, bona beze bengumngcelele, bafike bakuphahle kwangentseni kude kuhlwe?”

15. UMosis waphendula wathi: “Kaloku aba bantu beza kum khon' ukuze ndibabeke emkhondweni mayela nentando kaThixo,

16. kuthi xa benembambano beze kum ukuze ndibalamle ndibachazele imimiselo nemiyalelo kaThixo.”

17. Ke yena uJetro wathi kuMosis: “Hayi, nyana, olu hlobo wenza ngalo alulunganga.

Eyemfuduko 18