Eyemfuduko 17:7-16 Ibhayibhile (XHO96)

7. Le ndawo ke yathiywa igama kwathiwa yiMasa neMeribha, kuba kaloku apha amaSirayeli alwa noMosis, amvavanya uNdikhoyo, esithi: “Ukho na phakathi kwethu uNdikhoyo, nokuba hayi?”

8. Apha eRefidim ke ama-Amaleki eza ahlasela amaSirayeli.

9. UMosis ke wayalela uYoshuwa wathi: “Khetha amadoda athile, niphume niye kulwa nama-Amaleki. Ngomso mna ndiya kuma phezu kwentaba ndiphethe laa nduku ndiyinikwe nguThixo.”

10. UYoshuwa wenza ngokomyalelo kaMosis, baphuma baya kulwa nama-Amaleki. Ke yena uMosis, enoAron noYuri, benyukela phezu kwentaba.

11. Ngalo lonke ixesha uMosis eziphakamisile izandla zakhe, amaSirayeli ayewagxotha ama-Amaleki; kodwa athi akuzithoba izandla, oyiswe amaSirayeli.

12. Wathi akudinwa uMosis, uAron noYuri bamhlalisa elityeni, bamxhaka, baphakamisa iingalo zakhe lada latshona ilanga.

13. Ngale ndlela ke uYoshuwa wawaswantsulisa ama-Amaleki.

14. *UNdikhoyo ke wathetha noMosis, wathi: “Yibhale ingcombolo yale mfazwe, khon' ukuze ingaze ilibaleke. Xelela uYoshuwa ukuba ndizimisele ukuwacim' igama ama-Amaleki kwelimiweyo.”

15. UMosis wenza iqonga lamadini, wathi igama lalo nguNdikhoyo intshinga yam,

16. esithi: “Yiphakamiseni intshinga kaNdikhoyo. UNdikhoyo uya kulwa naye uAmaleki kude kube ngunaphakade.”

Eyemfuduko 17