1. Ke kaloku amaSirayeli anduluka e-Elim, aza athi ngenyanga yesibini kusuku lweshumi elinesihlanu andulukayo eJiputa, agaleleka kwintlango iSin. Yona ke iphakathi kwe-Elim neSinayi.
2. Kanye ke apho kuloo ntlango amaSirayeli abakhalazela ooMosis noAron,
3. athi kubo: “Akwaba *uNdikhoyo wayesibulalele eJiputa. Kaloku noko khona sasisitya inyama; kanti ke nokunye ukutya sasikutya side sikushiye. Kuba kucacile nisizise kule ntlango ukuze eli bandla xa lilonke nilichane ngendlala life.”
4. UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Uyabona ke ndiza kuthoba ukutya kune njengemvula, ukuze nonke nitye. AmaSirayeli makaphume aye kuzicholela ukutya okulingene imini mihla le. Ndizimisele ukukhe ndiwavavanye ndiwaqonde ukuba azimisele na ukuwuthobela umyalelo wam.